kwaye i ndumiso no mbulelo - twr women of … of hope broadcasts in more than 65 languages. ph’s...

2
Women of Hope broadcasts in more than 65 languages. PH’s monthly prayer requests are used in 85 languages. I NDUMISO No Mbulelo abaninzi baphumelise usasazo lwe Women of Hope kwaye ne Alimanaki yenyanga ingelwimi zabaxhamli. Amawaka axele ukuba ayabulela kan kukhona umntu okhathalayo othabatha ixesha emamela ethandaza nabo. 16. Abayeni babuyele kubafazi babo bokwenyani, abantwana abadala babuyele kuThixo, kwaye abafazi bamamkele uThixo asebenze empilweni zabo njengoko benokuthandazela abanye. 17. Abangcucalazi abaninzi bafuna ubuhlobo ikhona njalo indawo ezikweni lendlu ka Hannah eSweden nakumaqela athandazayo kumazwe angamanye. Thandaza ukuba bamfune uThixo bakuqonde ukuba ubakhathalele uyabamemelela ukuba bamkele isipho sentsindiso esinguYesu Krestu. 18. Amawaka abantu abangenelele u Project Hannah abo bahlanganayo bethandaza, bevelela abafazi, bevangela ezitolongweni, kwizimisane, ezibhedlele, kwiinkedama, nakumaziko abangcucalazi. Abaninzi kubo bahambisa ukudla, iimpahla, oomalasi, nezinye izinto ezidingekayo, benika ithemba kubafazi neentsapho zabo. 19. Abafazi bafunde ukuthunga, ukwenza ubuhlali, balime iigadi bathengise ukuze bondle iintsapho zabo babuyelwe sisidima sobuntu bahlonitshwe nabo ebuhlalini. 20. Ukuba abaninzi abakhubazeke ingqondo ngenxa yodlame oloyanyaniswa nobucawe ngexa bafuna ukwazi ngoYesu. Omnye wabaphulaphuli e North Africa ubhala athi “Iziqendu zenu nyhani zibuya ezulwini! Esikuphulaphulayo kwahlukile koku sikufundiswayo ebucaweni. Kodwa ndiziva ngathi ndifuna ukuphathwa ngoluhlobo ndiluphulaphulayo, ndikhulise nabantwana bam ngolo hlobo. Ndinovalo ukwazisa ukuba ndiyamthanda uYesu ngoba ndakubulawa. Kodwa kona ndiyamthanda.” 21. Abafazi namadoda afumene intsindiso ku Yesu Krestu namandla okuya phambili imihla ngemihla ngoncedo lweqela i Women of Hope no Project Hannah. Umphulaphuli e Bengali ubhala athi “Ndibuya kumva ongenabuKrestu usapho lwakuthi. Kodwa unkosikazi wam nam sithi rhoqo siphulaphule yona lee nkqubo nge Ntanethi. Le nkqubo ixabiseke kakhulu kangangokuba ngelinye ixesha siyaphindaphinda ukuphulaphula. Sazi ngoYesu ngale nkqubo. Uthando lwakhe nokuzenza idini ngenxa yezono zethu izichukumisile iintliziyo zethu. Siqale sathanda sambuka uYesu Krestu njengeNkosi”. 22. Abo bangama volonya okuguqulela iAlimanaki yomthandazo ka Project Hannah ukuze abanye babenakho ukuthandaza nathi ngeelwimi eziyi 85. Bulela ngabo bahambisa ezi Alimanaki, ngamanye amaxesha basuka kwilali baye kwenye ngoqongqothwane, ibhasi, okanye ngeenyawo. 23. Abelusi (Pastors) abaninzi, abayeni, nabasebenzi baka TWR abancedisa basebenze kuProject Hannah kanye namavolonya hlabathi jikelele. 24. Amawaka ezibotshwa afumene ithemba ngalo uthando esilubonisayo ngendlela ezininzi (izipho zempahla, isepha, neempahla zeentsana); ngaye u Women of Hope nakwizifundo zeZwi ezikhokelwa ngabo batyelele i Albania, Angola, Cambodia, the Democrac Republic of Congo, Ethiopia, Ghana, Indonesia, Ivory Coast, Korea, Liberia, Nepal, Paraguay, South Africa, Tanzania, nase Thailand. 25. Ukuqhubekeka nokufumana uncedo lwemali kuxhaswa i Women of Hope ngabantu, imithombo; iERF in Germany, Switzerland nase Austria; Norea e Denmark, Norway, nase Sweden; iSansa e Finland nabahlobo beTWR e Asia, Brazil, Canada, Netherlands nase Belgium, nakwi United Kingdom. 26. U Peggy neqela lakhe bafumane ithuba lokuthetha emabandleni neenkonzo zoomama ukubanceda baphaphame bazazi iimfuno zoomama ehlabathini jikelele. Yibongeni iNkosi ngobulungiseleli obutsha e Honduras emva kokuba uPeggy ethethe nabafazi nabakhokheli khona apho. 27. Amawaka abafazi eqela labaphulaphuli be Women of Hope abahambisa ubungqina ngokuthi le nkqubo ibanceda kangakanani na ukukhulisa abantwana abasekuphileni, nokuphatha abalingane babo, nokukwazi ukulungisa isidlo, baphilele ukuhlonela uThixo. 28. Iinkokheli zabahlali nosasazo bathethe pahaha ngodlwengulo, utshaso lwabantwana, uthengiso lwabantu, nokulinyazwa zizithethe, nokuba bazikhuthaze ezi nkokheli zenze ngakumbi kuze kube sekupheleni kobu bubi. 29. Ukuba abahlolokazi neenkedama banikezwe aba nomathotholo, ukutya, iimpahla, ezempilo nemali yemfundo. Amaqela okuthandaza ka Project Hannah ancedisileyo ukwakha nezindlu zangasese, zathenga izixhobo zamazinki okuvala amaphahla ezindlu, babanika nomatrasi kodwa ifenishala ayikho yona. 30. Ukuba uThixo wethu emkhulu alubonise uthando nenceba yakhe mihla zonke “Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Nkosi yam; ndiya kukubethela uhadi phakathi kwezizwe. Ngokuba inkulu, yada yaya ezulwini, inceba yakho; Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho. Ziphakamisele ngaphezu kezulu, Thixo, Lube phezu kwehlabathi lonke uzuko lwakho.” (Indumiso 57:9–11). PRAYER CALENDAR NOVEMBER 2016 Xhosa Photo © Norea MediaMission – Norway.

Upload: ngothien

Post on 24-May-2019

216 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Women of Hope broadcasts in more than 65 languages.PH’s monthly prayer requests are used in 85 languages.

I NDUMISO

No Mbuleloabaninzi baphumelise usasazo lwe Women of Hope kwaye ne Alimanaki yenyanga ingelwimi zabaxhamli. Amawaka axele ukuba ayabulela kanti kukhona umntu okhathalayo othabatha ixesha emamela ethandaza nabo.

16. Abayeni babuyele kubafazi babo bokwenyani, abantwana abadala babuyele kuThixo, kwaye abafazi bamamkele uThixo asebenze empilweni zabo njengoko benokuthandazela abanye.

17. Abangcucalazi abaninzi bafuna ubuhlobo ikhona njalo indawo ezikweni lendlu ka Hannah eSweden nakumaqela athandazayo kumazwe angamanye. Thandaza ukuba bamfune uThixo bakuqonde ukuba ubakhathalele uyabamemelela ukuba bamkele isipho sentsindiso esinguYesu Krestu.

18. Amawaka abantu abangenelele u Project Hannah abo bahlanganayo bethandaza, bevelela abafazi, bevangela ezitolongweni, kwizimisane, ezibhedlele, kwiinkedama, nakumaziko abangcucalazi. Abaninzi kubo bahambisa ukudla, iimpahla, oomatilasi, nezinye izinto ezidingekayo, benika ithemba kubafazi neentsapho zabo.

19. Abafazi bafunde ukuthunga, ukwenza ubuhlali, balime iigadi bathengise ukuze bondle iintsapho zabo babuyelwe sisidima sobuntu bahlonitshwe nabo ebuhlalini.

20. Ukuba abaninzi abakhubazeke ingqondo ngenxa yodlame oloyanyaniswa nobucawe ngexa bafuna ukwazi ngoYesu. Omnye wabaphulaphuli e North Africa ubhala athi “Iziqendu zenu nyhani zibuya ezulwini! Esikuphulaphulayo kwahlukile koku sikufundiswayo ebucaweni. Kodwa ndiziva ngathi ndifuna ukuphathwa ngoluhlobo ndiluphulaphulayo, ndikhulise nabantwana bam ngolo hlobo. Ndinovalo ukwazisa ukuba ndiyamthanda uYesu ngoba ndakubulawa. Kodwa kona ndiyamthanda.”

21. Abafazi namadoda afumene intsindiso ku Yesu Krestu namandla okuya phambili imihla ngemihla ngoncedo lweqela i Women of Hope no Project Hannah. Umphulaphuli e Bengali ubhala athi “Ndibuya kumva ongenabuKrestu usapho lwakuthi. Kodwa unkosikazi wam nam sithi rhoqo siphulaphule yona lee nkqubo nge Ntanethi. Le nkqubo ixabiseke kakhulu kangangokuba ngelinye ixesha siyaphindaphinda ukuphulaphula. Sazi ngoYesu ngale nkqubo. Uthando lwakhe nokuzenza idini ngenxa yezono zethu izichukumisile iintliziyo zethu. Siqale sathanda sambuka uYesu Krestu njengeNkosi”.

22. Abo bangama volontiya okuguqulela iAlimanaki yomthandazo ka Project Hannah ukuze abanye babenakho ukuthandaza nathi ngeelwimi eziyi 85. Bulela ngabo bahambisa ezi Alimanaki, ngamanye amaxesha basuka kwilali baye kwenye ngoqongqothwane, ibhasi, okanye ngeenyawo.

23. Abelusi (Pastors) abaninzi, abayeni, nabasebenzi baka TWR abancedisa basebenze kuProject Hannah kanye namavolontiya hlabathi jikelele.

24. Amawaka ezibotshwa afumene ithemba ngalo uthando esilubonisayo ngendlela ezininzi (izipho zempahla, isepha, neempahla zeentsana); ngaye u Women of Hope nakwizifundo zeZwi ezikhokelwa ngabo batyelele i Albania, Angola, Cambodia, the Democratic Republic of Congo, Ethiopia, Ghana, Indonesia, Ivory Coast, Korea, Liberia, Nepal, Paraguay, South Africa, Tanzania, nase Thailand.

25. Ukuqhubekeka nokufumana uncedo lwemali kuxhaswa i Women of Hope ngabantu, imithombo; iERF in Germany, Switzerland nase Austria; Norea e Denmark, Norway, nase Sweden; iSansa e Finland nabahlobo beTWR e Asia, Brazil, Canada, Netherlands nase Belgium, nakwi United Kingdom.

26. U Peggy neqela lakhe bafumane ithuba lokuthetha emabandleni neenkonzo zoomama ukubanceda baphaphame bazazi iimfuno zoomama ehlabathini jikelele. Yibongeni iNkosi ngobulungiseleli obutsha e Honduras emva kokuba uPeggy ethethe nabafazi nabakhokheli khona apho.

27. Amawaka abafazi eqela labaphulaphuli be Women of Hope abahambisa ubungqina ngokuthi le nkqubo ibanceda kangakanani na ukukhulisa abantwana abasekuphileni, nokuphatha abalingane babo, nokukwazi ukulungisa isidlo, baphilele ukuhlonela uThixo.

28. Iinkokheli zabahlali nosasazo bathethe pahaha ngodlwengulo, utshatiso lwabantwana, uthengiso lwabantu, nokulinyazwa zizithethe, nokuba bazikhuthaze ezi nkokheli zenze ngakumbi kuze kube sekupheleni kobu bubi.

29. Ukuba abahlolokazi neenkedama banikezwe aba nomathotholo, ukutya, iimpahla, ezempilo nemali yemfundo. Amaqela okuthandaza ka Project Hannah ancedisileyo ukwakha nezindlu zangasese, zathenga izixhobo zamazinki okuvala amaphahla ezindlu, babanika nomatrasi kodwa ifenishala ayikho yona.

30. Ukuba uThixo wethu emkhulu alubonise uthando nenceba yakhe mihla zonke “Ndiya kubulela kuwe phakathi kwezizwe, Nkosi yam; ndiya kukubethela uhadi phakathi kwezizwe. Ngokuba inkulu, yada yaya ezulwini, inceba yakho; Yada yesa esibhakabhakeni inyaniso yakho. Ziphakamisele ngaphezu kezulu, Thixo, Lube phezu kwehlabathi lonke uzuko lwakho.” (Indumiso 57:9–11).

PRAYER CALENDARNOVEMBER 2016

Xhosa

Photo © Norea MediaMission – Norway.

Xa sijonga emva kwiminyaka eyi 19 eyadlulayo, ngokunje singena kunyaka we 20 kobu bulungiseleli, lo nto izisa imikhwazo yeendumiso nemibulelo kuThixo ngokuba nyani yena wenza iinto ezinkulu! Iminyaka sithandazela abafazi abangamalolo ngenxa yamasiko nobucawe. Sisoloko sifuna, bangaze beve kanjani ngothando luka Thixo nesipho sakhe sentsindiso. Ngoku sibona abaninzi baba bafazi neentsapho zabo beshiya amazwe abo akhubazayo kwaye kokokuqala empilweni zabo benako ukuva ngeliZwi leNkosi nesi sipho sentsindiso esingu Yesu Krestu.

I Refugee Bridge app womakhal`emkhukhwini zinikela kwinkqubo zesi Arabic ne Farsi Women of Hope kubo abafazi abalangazelela ukuthuthuzelwa, inkuthazo, ulwazi olwenza kwenzeke, neZwi ngeelwimi zabo. Ngayo I TWR360, Facebook, ne Skype, abafazi bayeva ngenyaniso kaThixo ngesi Arab, English, Farsi, Somali, Turkish nezinye iilwimi. Abafazi ababuya e Afghanistan, Germany, Iran, Sweden, Syria, nase Turkey bahlangana qho ngeveki ukuze bathandaze kunye besebenzisa iAlimanaki kaProject Hannah ngesi Farsi. Amaqela omthandazo e Turkey aphuma ingqina ephumela abangcucalazi, abonelela abahlolokazi ngokutya nempahla yokunxiba, anikele nange bhayibhile, ebamba izifundo zebhayibhile veki neveki. Abathandazi baka Project Hannah banikela uqeqesho ngokufunda ukuzenzela njenge: ukuthunga, ukuthunga imizobo, onodoli bebanceda ekuzuzeni ukuzithemba nokukwazi ukuzenzela imali neentsapho zabo. Abafazi baba ngabalandeli baka Yesu bangenelela emaqeleni athandazayo abafundise ukuthandaza ngendlela yokuzithethela ngqo kuThixo obabonayo nobevayo.

Abaninzi ezweni jikelele banxunguphele ludlame emazweni abo, ekuhlaleni, kanye nakumakwabo. Kuyamangalisa ukubona uThixo eqhubeka ukusebenzisa aba bathandazi ne Women of Hope abaphulaphuli e Africa, Asia, ne America, Central Asia, Europe, nase Middle East ukuqhekezelana nabanye abafazi ngethemba nempilo efunyanwa kuYesu Krestu.

EYENKANGA 2016 I NDUMISO NO MBULELO

8. Inkqubo iWomen of Hope iviwe ngeelwimi eziyi 70 konomathotholo, i Ntanethi, emacwecweni, nakwamanye amajelo endlela zokusasaza.

9. Emva kweminyaka eyi 19 eyadlulayo esekiwe u Project Hannah ehlaba ikhwelo lokuthandaza ebafazini nangosasazo lonomathotholo. “Khangelani phakathi kweentlanga, nondele, ningathethi nokuthetha; ngokuba ndiyakusebenza umsebenzi ngemihla yenu, eningayi kukholwa nguwo, nokuba niyawubaliselwa” (Habakkuk 1:5).

10. Abafazi abanikele iimpilo zabo kuKrestu noba sebesazi ukuba iintsapho zabo zingababulala xa benze njalo. Qhubeka ubathandazela abo babethiweyo balahlwlwa phaya ngabayeni babo, okanye baphethwe kakubi njengamakhoboka zizalamane zabayeni.

11. Laa mfazana ube ligorha e Mntla Africa ondwendwela akhuthaze iqela labaphulaphuli be Berber Kabyle Women of Hope. AmaKrestu amaninzi angabaphulaphuli angamakheswa ahlukunyezwa nazizalamane zawo awazi bani ongomnye okholwayo engingqini yawo.

12. Besathandaza abafazi ngeAlimanki ka Project Hannah baqale bababone abanye ngamehlo kaThixo ngezenzo zabo, babe njengoYesu. “Ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nango-kozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye” (Philippians 2:3–5).

13. UThixo sekenike u Susie Pek ukuba akhokele ubulungiseleli be Project Hannah eBrazil nokuba abasebenzi baka TWR Stewardship Director Ann Chastain no Social Media Coordinator Leila Coblentz bakusebenza maxa wambi kwiqela lehlabathi jikelele likaProject Hannah.

14. Amakhulukazi abasebenzi baka Project Hannah namavolontiya kuzo zonke inkqubo ezishicilelwayo, abalungiseleli bentlanganisa, amaqela okuthandaza, abakhandi bobuxhakaxhaka bonomathotholo nemibhalo, kanye nabo bandwendwela babhalele abaphulaphuli.

15. Ngaye uTWR360, ngazo iiFacebook, Skype, Twitter, ne Instagram, abafazi bayayiva inyaniso kaThixo ngeelwimi isi Arabic, English, Farsi, Portuguese, Somali, Spanish, Turkish nezinye iilwimi. Eminye yale mibhobho inceda

PROJECT HANNAH • P O BOX 4232 , Kempton Pa rk , 1620 • +27 11 974 2885 • i n fo@pha f r i c a . co. z a • www.pha f r i c a . o r g

X Mnike iNdumiso ne Mibulelo…1. Abafazi hlabathi jikelele bamzukise uThixo ngeempilo zabo

noba izimo zabo seziphikisana nabo ukuba ngcono.2. UThixo wasinika u Dr. Peggy Banks abe yinkokheli ka

Project Hannah hlabathi jikelele. Bulela uThixo ngokhuselo nobukho buka Thixo xa u Peggy nomqalisi, uMarli Spieker, bendwendwela e Africa, Asia, Europe, nase America khona ngeli lona ixesha lenguquko kubakhokeli. Babalungiselele abathandazi baka Project Hannah nakubaphulaphuli, bekhulisa amaqela onke jikelele, bethetha ithemba nempilo kuYesu, bekhuthaza umzimba kaKrestu beqhubeka beza-lisekisa incwadi yeMizekeliso 31:8 “Wuvule umlomo wakho ngenxa yosisidenge, ngenxa yetyala labo bonke abadlulayo.”

3. Ukusasazwa kwe Refugee Bridge app e Europe. Aba makhal`emkhukhwini banalo mnxeba baquka iinkqubo ze Arabic ne Farsi Women of Hope ongathi zikufanele ukwakha iimbacu ezingabafazi, zixikixe imiba enjenge: ukuxhwaleka, ukuziqonda, nokukhulisa abantwana.

4. Ukuba imidlalo kanomathotholo i Healing Voice (kumaxhoba esifo i fistula) ngelwimi lesi Ari ichukumise uninzi lama Topiya. Nceda qhubeka uthandazele olushicilelo ngesi Amharic nesi Oromo.

5. Ngesi Ngesi nesi Romani i nkqubo yosasazo lomdlalo iHidden Treasures (enceda abo bafazi bathuthwa balahlwe ezizweni ukuthengisa ngesondo e Europe).

6. Inkqubo iWomen of Hope efumanekayo ngoku ePakistani ngelwimi iPunjabi kwaye ishicilelwe ngesi Urdu. Ngomnyaka ka 2015, isi Urdu senziwe sabalulwimi olusemthethweni e Pakistani. Ngokwengxelo ye CIA Factbook, isiNgesi ibilulwimi olusemthethweni kwabo bazizifundiswa nakwinkonzo zabaphathiswa, ukanti umyinge we hafu yama Pakistani ithetha isi Punjabi, xa i8% ithetha isi Urdu.

7. Inyaniso kaThixo nothando lwakhe zivakaliswe konomathotholo e Mphakathini Ashiya, China, India, e Middle East, North Africa, North Korea, Pakistan, nakwindawo ezinamaKrestu atshutshiswayo nonozakuzaku beLizwi abangavunyelwayo ukuba bangene. Iimpilo ziyaguquka zona namabandla ayakheka.